Main centres: | 1-3 business days |
Regional areas: | 3-4 business days |
Remote areas: | 3-5 business days |
UEsawu Katrina nentsapho yakhe abavunyelwa ukuba bathethe ulwimi lwabo, isiN|uu, kodwa basaqhubeka bekwenza oko ngokufihlakeleyo. Kangangeminyaka emininzi iN|uu ayifane ithethwe kwaye iphantse yanyamalala. Kodwa uKatrina uzimisele ukulusindisa ulwimi lwakhe.
I-N|uu iphethe amabali abazingeli nabaqokeleli, obusuku obuneenkwenkwezi nokunxibelelana nezinyanya zethu. Lulwimi olucula iingoma zelizwe.
Joyina u-Ouma Katrina Esau kuhambo lwakhe olukhuthazayo kwaye ufumanise amandla olwimi kunye nokubaluleka kokunganikezeli kumaphupha akho.